Umasipala weSithili i-O.R Tambo kwakunye nomasipala wasekuhlaleni i King Sabata Dalindyebo Municipality namhlanje bafakane imilomo nala maqumrhu alandelayo;

👩‍💼OosoMashishini
👨‍✈️AmaPolisa
🪖Amajoni kwakunye
🥷Neenkampani zoonogada

Injongo kukulwa ulwaphulo mthetho kwidolophu yase Mthatha.

Oosomashishini bebambisene naba masipala bazibophelele ekuziseni ubuxhaka-xhaka (cameras) obuzakuncedisa ekulweni ulwaphulo mthetho.

Isisombululo ekuphunywe naso kule ntlanganiso kukuba; kuza kusekwa amaqonga azakuthi aququzelele ukulwa lomkhwa.